|
AMALUNGELO abantwana UMNTU NGUMNTWANA XA KUTHENI? Umntwana ngumntu oneminyaka engaphantsi kwe18 ubudala. Umthetho olawulayo kweli loMzantsi Afrika, mthetho lowo onguMgaqo siseko, uyakuqinisekisa ukuba bonke abantu abangaphantsi 18 ubudala, banawo amalungelo abantwana. Ngoko ke, bonke abantwana kweli loMzantsi Africa, oko kuquka nabantwana abaphuma kwamanye amazwe, banawo amalungelo. NGAWAPHI LAMALUNGELO AXHANYULWA NGABANTWANA?
ABANTWANA BANELUNGELO LOKHUSELEKO
YINTONI UKUXHATSHAZWA KWABANTWANA?
ABANTWANA BANELUNGELO LOKUNAKEKELWA BAZIVE BEKHUSELEKILE Abenzi bobubi badla ngokwaziwa ngumntwana. Kusenokwenzeka ukuba ngabazali, izihlobo, abamelwane okanye amalungu osapho. Isenokuba ngabantu abathembekileyo nangona bebefanele ukubakhusela. Kodwa ke oku akuthethi ukuba bonke abantu abathembekileyo bangabaxhaphaza abantwana. Abantwana bangamaxhoba, ngokungakumbi ngeempela-veki okanye ngexesha leholide xa behleli bodwa ekhaya. Abazali okanye abanonopheli kufuneka bahlale besazi ukuba baphi okanye bahleli nabani abantwana babo. Abazali okanye abanonopheli kufuneka bahlale besenza izinto eziyakubayinzuzo kwikamva lomntwana. Ukhuseleko lomntwana luqala ekhaya kusapho lwakhe. ISICWANGCWISO SOKHUSELEKO LOMNTWANA Xelela umntu othile:
Ukuba abakuthembi xelela omnye umntu. Yiya ekliniki uxelele umongikazi walapho, yaye kufuneka ethathe amanyathelo. Ungakuxela ukhuxhatshazwa emapoliseni okanye ucele utishala omthembayo ukuba akuncede ekuxeleni ukhuxhatshazwa. Futhi ungatsalela umxeba kwi - Childline ku le nombolo ingahlawulelwayo - 0800 05 55 55. Yiba nomonde ekuxeleleni abantu oko kwenzekileyo kuwe kude kubekho umntu okukholelwayo aze akuncede. KUFUNEKA UHLALE USAZI, YAYE UKHUSELEKILE Kufuneka uhlale usaziswa ngamalungelo akho njengomntwana.Unelungelo lokuthi HAYI kuye nawuphina umntu owenza okanye othetha izinto ezingalunganga (oko kuquka abazali bakho). Oku kuquka umntu ozama ukuphatha-phatha umzimba wakho okanye ozama ukuzicengela ngento ongayithandiyo. Funda ngezinto ongaziqondiyo ezifana nokulalana, i-AIDS, abantwana bazalwa njani, yintoni ukuxhatshazwa ngokwesondo nokuphathwa gadalala. Akumelanga ukuba woyike ukubuza imibuzo ngezi zinto. Ungababuza abazali bakho, ootishala okanye naye nawuphina umntu omdala omthembileyo okanye ungatsalela umnxeba i childline. Umntwana ohlala esazi ngumntwana okhuseleke kakhulu.
Intombazana okanye inkwenkwe, isinhanha okanye isilambi, otyebileyo okanye obhityileyo, omde okanye omfutshane - hlala uzithembile. Musa ukukholisa iimfuno zabanye abantu. Gcina umgangatho wendlela yakho yokuphila.Mantombazana nani makhwenkwe, zikhuseleni yaye nikhuselane xa into niyibona ukuba ilungile. Ukuba uyaxhatshazwa, ayinguwe unobangela kodwa abaxhaphazi bayakusoloko bezamela ukuba isithyolo siwele kuwe. Khumbula, ukukhusela abantwana kubundlobongela luxanduva lwethu sonke. UKUBA ULIXHOBA OKANYE UNORHANO LOKUBA KUKHO UMNTWANA OPHETHWE GADALALA, FOWUNELA INKONZO YAMAPOLISA ELI LOMZANTSI AFRIKA: |